Umika 3:3-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. nina, bayidlileyo inyama yabantu bam; balobula ulùsu lwabo; bawaphula amathambo abo; bawaxhaxha ngathi ngawembiza, ngathi yinyama kungxawu.

4. Baya kwandula bakhale kuYehova, angabaphenduli; asuke abusithelise ubuso bakhe kubo ngelo xesha, njengoko bazenzé zambi iintlondi zabo.

5. Utsho uYehova ngokusingisele kubaprofeti ababandwendwisàyo abantu bakowethu; abathi, xa banokuhlafunwayo, baze bamemeze uxolo; bathi, osukuba engafaki nto emlonyeni wabo, bamngcwalisele imfazwe, ukuthi:

6. Ngako oko niya kuba nobusuku, iphuthe imibono; nibe nobumnyama, kuphuthe ukuvumisa; litshone ilanga kubaprofeti, ibe mnyama imini kubo.

7. Ziya kudana iimboni, babe neentloni abavumisi, bazigqubuthele iindevu bonke bephela; ngokuba kungekho mpendulo kaThixo.

Umika 3