Umateyu 27:30-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Amtshicela, ayithabatha ingcongolo, ambetha entloko.

31. Athi, akuba edlale ngaye, amhluba ingubo leyo, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni.

32. Athe ke ekuphumeni, afumana umntu waseKirene, ogama linguSimon; anyanzela lowo ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.

33. Athi akufika ndaweni kuthiwa yiGologota, oko kukuthi, yindawo yokakayi,

34. amnika iviniga iphithikezwe nenyongo, ukuba asele; wathi akuyiva, akavuma ukuyisela.

35. Athi ke, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso; ukuze kuzaliseke okwathethwa ngumprofeti, esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.(INdum 22:18)

36. Ahlala phantsi, amlinda khona apho.

Umateyu 27