15. Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe.
16. Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu.
17. Sixelele ngoko, uthini na wena? Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare,* akuvumelekile, sini na?
18. Ke kaloku, eyazi uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini?
19. Ndiboniseni iqhosha lerhafu.
20. Bamzisela ke idenariyo.* Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo?
21. Bathi kuye, NgokaKesare. Andule ukuthi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo.
22. Bakuva bamangaliswa, basuka bamshiya, bemka.