Umateyu 20:28-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.

29. Bakubon' ukuba bayaphuma eYeriko, walandelwa yindimbane enkulu.

30. Nanko kuhleli iimfama zĂ­mbini ngasendleleni; zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.

31. Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.

32. Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na?

33. Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu.

Umateyu 20