Umateyu 15:13-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa.

14. Bayekeni; ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini.

15. Waphendula ke uPetros wathi kuye, Sixelele lo mzekeliso.

16. Wathi ke yena uYesu, Anikabi nakuqonda na nani nangoku?

17. Anikaqiqi na, ukuba konke okungena emlonyeni kusinga esiswini, ize kulahlelwe endaweni esese?

18. Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zizo ezo ezimenza inqambi umntu.

Umateyu 15