21. Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, inge yaguquka kudala loo mizi ngeengubo ezirhwexayo nangothuthu.
22. Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka kwiTire nakwiTsidon ngomhla womgwebo kunáni.
23. Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoselwa phantsi kwelabafileyo; ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuwe, ukuba yayenzeke eSodom, inge ihleli kwada kwaba namhla.