Umateyu 1:12-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Emveni ke kokufuduselwa kwabo eBhabhilon, uYekoniya wazala uSalatiyeli; uSalatiyeli wazala uZerubhabheli;

13. uZerubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore;

14. uAzore wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uYakin; uYakin wazala uElihudi;

15. uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi;

16. uYakobi ke wazala uYosefu, indoda kaMariya, ekuthe ngaye kwazalwa uYesu, okuthiwa nguKristu.*

17. Zonke izizukulwana ngoko, ezithabathela kuAbraham zizise kuDavide, zizizukulwana ezilishumi elinaziné; nezithabathela kuDavide zizise ekufuduselweni kwabo eBhabhilon, zizizukulwana ezilishumi elinaziné; nezithabathela ekufuduselweni kwabo eBhabhilon zizise kuKristu, zizizukulwana ezilishumi elinaziné.

18. Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubon' ukuba unina uMariya useleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele.

Umateyu 1