Umarko 9:9-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, kungaba kude kube kuxa athe wavuka kwabafileyo uNyana woMntu.

10. Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na.

11. Baye bembuza besithi, Bathini na ababhali, ukuthi uEliya umelwe kukufika tanci?

Umarko 9