Umarko 15:2-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. UPilato wambuza esithi, Unguye na ukumkani wamaYuda? Waphendula ke yena wathi kuye, Nawe utsho.

3. Baye bemmangalela ke ngeendawo ezininzi ababingeleli abakhulu.

4. Wabuya ke uPilato wambuza, esithi, Akuphenduli nento na? Khangela ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqina ngawe.

Umarko 15