Umarko 14:67-71 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

67. ondele kuye, athi, Nawe ubunaye uYesu waseNazarete.

68. Wakhanyela ke esithi, Andiyazi, andiyiqondi kanye into oyithethayo wena. Waphuma waya phandle kwengaphambili intendelezo; yalila ke inkuku.

69. Umkhonzazana ubuye wambona, waqala ukuthi kwabo babemi khona, Lo ngowakubo.

70. Waphinda ke wakhanyela. Kuthe, kwakuba mzuzwana, babuya abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, ùngowakubo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo.

71. Waqala ke ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu nimthethayo.

Umarko 14