Umarko 12:41-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. Waye uYesu ehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela ukuba sithini na isihlwele ukuphosa imali yobhedu emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu.

42. Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante.*

43. Ebabizele kuye abafundi bakhe, uthi kubo, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali;

44. kuba bonke abo baphose bethabatha kwikhupha labo; ke yena ekusweleni kwakhe uphose konke abenako, impilo yakhe iphela.

Umarko 12