Uluka 4:12-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho.(IDut. 6:16)

13. Waza uMtyholi, ekugqibile konke ukuhenda, wesuka kuye umzuzu.

14. Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; kwaphuma udaba ngaye, lwaya kuloo mmandla wonke.

15. Wabe yena efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke.

Uluka 4