11. koonyana bakaBhebhayi nguZekariya unyana kaBhebhayi, enamadoda amashumi mabini anesibhozo;
12. koonyana baka-Azegadi nguYohanan unyana kaHakatan, enamadoda alikhulu elineshumi linye;
13. koonyana bokugqibela baka-Adonikam abamagama angala: nguElifelete, noYehiyeli, noShemaya, benamadoda amashumi mathandathu;
14. koonyana bakaBhigwayi ngu-Utayi, noZabhudi, enamadoda amashumi asixhenxe.
15. Ndabahlanganisela emlanjeni ongumAhava; samisa khona imihla yamithathu. Ndabagqala abantu nababingeleli, andafumana khona namnye woonyana bakaLevi.