Kumahebhere 7:18-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Kuba okunene kutshitshiswa umthetho owandulelayo, ngenxa yokuswela amandla, nokungancedi lutho kwawo

19. (kuba umthetho lowo awuzalisanga nto); ke kungeniswe phezu kwawo elona themba lilungileyo; esisondela ngalo kuye uThixo.

20. Kanjalo, ngangokuba engamiswanga, kungĂ bangakho sifungo (kuba bona aba okunene benziwe ababingeleli kungafungwanga;

21. kodwa yena umiswe ngokufunga kwalowo wathi kuye,Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya:Wena ungumbingeleli ngonaphakade, ngokohlobo lukaMelkitsedeke):(INdum. 110:4)

22. ngangoko ke uYesu waba ngummeli wowona ulungileyo umnqophiso.

23. Bathe bona ababingeleli baba baninzi, ngenxa yokuba ukufa kwakungavumi ukuba bahlale behleli;

Kumahebhere 7