12. Bathi nqa ke bonke, bakhohlwa, omnye esithi komnye, Azi, ingaba ifuna ukuba yintoni na le nto?
13. Abanye ke babehlekisa ngabo, besithi, Bahluthi yiwayini enencasa.
14. Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, waphimisela ukuthetha, wathi kubo:Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele iindlebe amazwi am.
15. Aba àbanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini.
16. Oku khona koko kuthethiweyo ngomprofeti uYoweli, kwathiwa,