3. Yabona embonweni kakuhle, malunga nelixa lesithoba lemini, kufika kuyo isithunywa sikaThixo, sisithi kuyo, Hina, Korneli!
4. Eqwalasele ke kuso, wangenelwa kukoyika, wathi, Yintoni na, Nkosi? Sithe ke kuye, Imithandazo yakho namalizo akho anyukile, aba sisikhumbuzo emehlweni kaThixo.
5. Susa kwangoku amadoda, aye eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; yena ulundwendwe lukaSimon,
6. umsuki wezikhumba, ondlu ingaselwandle; yena lowo úya kukuxelela into omelwe kukuyenza.
7. Ke kaloku, sakuba simkile isithunywa eso besithetha noKorneli, wabiza zazibini kwizicaka zakhe zasendlwini, nesoldati elimhlonelayo uThixo kwabehlala ehleli naye;
8. waza, ebacacisele zonke iindawo, wabathuma eYopa.