2. Ndeva izwi liphuma ezulwini, lingathi sisandi samanzi amaninzi, lingathi sisandi sendudumo enkulu. Ndeva nezwi lababethi beehadi, bebetha iihadi zabo;
3. bevuma ingoma engathi intsha, phambi kwetrone, naphambi kwezinto eziphilileyo zoné, namadoda amakhulu; kwaye kungekho namnye unako ukuyifunda ingoma leyo, lingelilo ikhulu elinamanci mané anesiné lamawaka, ababethengiwe emhlabeni.
4. Aba ngabo bangadyobhekanga ngabafazi, kuba benyulu. Aba ngabo bayilandelàyo iMvana apho isukuba isiya khona. Aba báthengwa bephuma ebantwini, baziintlahlela kuye uThixo nakuyo iMvana.
5. Emlonyeni wabo akufunyanwanga nkohliso, kuba bengenakubekwa bala.
6. Ndabona esinye isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu;