1. Ndaza ndema phezu kwentlabathi yolwandle.Ndabona kunyuka, kuphuma elwandle, irhamncwa, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, ezimpondweni zalo izizithsaba ezilishumi, kwiintloko zalo iligama lonyeliso.
2. Laye irhamncwa elo ndalibonayo lifana nengwe, iinyawo zalo zinjengezebhere,* umlomo walo unjengomlomo wengonyama. Inamba yalinika amandla ayo, netrone yayo, negunya elikhulu.
3. Ndabona enye yazo iintloko zalo, ingathi ixatyelwe yafa; inxeba lalo elibanga ukufa laphiliswa. Wamangaliswa umhlaba uphela, walilandela irhamncwa elo.