Inumeri 27:18-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele uYoshuwa, unyana kaNun, indoda okuyo umoya, ucinezele ngesandla sakho phezu kwakhe,

19. ummise phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke, umwisele umthetho emehlweni abo;

20. uthabathe kwindili yakho, ubeke phezu kwakhe, ukuze limve lonke ibandla loonyana bakaSirayeli.

21. Maze eme phambi koElazare umbingeleli, yena ambuzele ukugweba kweeUrim* phambi koYehova, baphume ngokomlomo wakhe, bangene ngokomlomo wakhe, yena noonyana bonke bakaSirayeli ndawonye naye, nebandla lonke.

Inumeri 27