Inumeri 26:40-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Oonyana bakaBhela nguArdi noNahaman; nguArdi ozala ama-Ardi; nguNahaman ozala amaNahaman.

41. Ngabo abo oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; ababalwáyo kubo ngamashumi amané anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu.

42. Ngabo aba oonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo; nguShuham ozala amaShuham. Yiyo leyo imizalwane yakwaDan ngokwemizalwane yabo.

43. Yonke imizalwane yamaShuham, ngokwababalwáyo kubo, ngamashumi omathandathu anamané amawaka, anamakhulu mané.

44. Oonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo: nguImna ozala amaImna; nguIshwi ozala amaIshwi; nguBheriya ozala amaBheriya.

Inumeri 26