15. Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,Utsho uBhileham unyana kaBhehore,Itsho indoda ecinywe amehlo.
16. Utsho ova ukuthetha kukaThixo,Wakwazi ukwazi kOsenyangweni;Obona umbono woSomandla,Esiwa phantsi, etyhilwe amehlo:
17. Ndiyayibona, kungekhona ngoku,Ndiyikhangele, ingekufuphi.Inkwenkwezi iphuma kwaYakobi;Intonga ivela kwaSirayeli,Iwaphàluse amaMowabhi emacaleni omabini,Ibagòmbe bonke abengxolo;
18. UEdom abe lilifa,Abe lilifa uSehire, iintshaba zakhe;USirayeli yena avelise amandla.
19. Makehle ophuma kwaYakobi,Atshabalalise abaseleyo emizini.