20. Ke umntu osukuba eyinqambi, angàzihlambululi isono, loo mphefumlo mawunqunyulwe phakathi kwesikhungu; ngokuba uyenzé inqambi ingcwele kaYehova, àkatshizwa ngamanzi okuhlamba ukungcola; uyinqambi.
21. Woba ngummiselo ongunaphakade kubo: okokuba ofefa ngamanzi okuhlamba ukungcola, makazihlambe iingubo zakhe; nalowo uchukumisa amanzi okuhlamba ukungcola woba yinqambi kude kuhlwe.
22. Yonke into asukuba eyichukumisa oyinqambi yoba yinqambi; nomphefumlo omchukumisayo woba yinqambi kude kuhlwe.