Inumeri 13:31-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Ke amadoda abenyuke naye athi, Asinako ukunyuka siye kwabo bantu; ngokuba bomelele kunathi.

32. Ahambisa udaba olubi ngelo zwe abelihlolile koonyana bakaSirayeli, esithi, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elibadlayo abemi balo; abantu bonke esababonayo kulo babengabafo abade.

33. Sazibona khona iingxilimbela, oonyana baka-Anaki basezingxilimbeleni; sesuka emehlweni ethu saba njengemicikwane, sanjalo nasemehlweni abo.

Inumeri 13