Inumeri 12:12-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Makangàseleba njengofileyo, othi ekuphumeni kwakhe esizalweni sonina abe seledlekile isiqingatha senyama yakhe.

13. Wakhala uMoses kuYehova, esithi, Thixo, ndiyakukhunga, khawumphilise.

14. Wathi uYehova kuMoses, Ukuba uyise ubetshice ukutshica oku ebusweni bakhe, ubengayi kuva ihlazo na iintsuku ezisixhenxe? Makavalelwe imihla ibe sixhenxe ngaphandle kweminquba, emveni koko amkelwe.

15. Wavalelwa ke uMiriyam ngaphandle kweminquba imihla esixhenxe. Abanduluka abantu, wada wamkelwa uMiriyam.

Inumeri 12