Inumeri 10:20-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaGadi inguEliyasafu, unyana kaDehuweli.

21. Anduluka amaKehati, ethwele ingcwele. Babesithi ke âbaya bawumise umnquba engekafiki wona.

22. Yanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaEfrayim, ngokwemikhosi yabo;

23. phezu komkhosi wakhe inguElishama, unyana ka-Amihude; phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaManase inguGamaliyeli, unyana kaPedatsure;

24. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaBhenjamin inguAbhidan, unyana kaGidiyoni.

25. Yanduluka ibhanile yeminquba yonyana bakaDan, umqoshelisi weminquba yonke ngokwemikhosi yayo;

26. phezu komkhosi wakhe inguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi; phezu komkhosi wesizwe soonyana baka-Ashere inguPagiyeli, unyana kaOkran;

27. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaNafetali inguAhira, unyana kaEnana.

28. Kuko oko ukunduluka koonyana bakaSirayeli; banduluka ke ngokwemikhosi yabo.

29. Wathi uMoses kuHobhabhi, unyana kaRehuweli, umMidiyan, uyise womkaMoses, Thina siyanduluka; siya endaweni athe uYehova, Ndiya kuninika yona. Hamba nathi, sokwenzela okulungileyo; ngokuba uYehova uthethe okulungileyo ngoSirayeli.

30. Wathi yena kuye, Andiyi kuhamba; ndiya kuya ezweni lakowethu, kwelokuzalwa kwam.

31. Wathi, Musa ukusishiya kaloku, ngenxa enokuba nguwe owaziyo apho singalalisa khona entlango; yiba ngamehlo ethu.

Inumeri 10