Inumeri 1:5-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ngawo la amagama amadoda aya kuma nani: kwaRubhen: uElitsure unyana kaShediyure;

6. kwaSimon: uShelumiyeli unyana kaTsurishadayi;

7. kwaYuda: uNashon unyana ka-Aminadabhi;

8. kwaIsakare: uNathaniyeli unyana kaTsuhare;

9. kwaZebhulon: uEliyabhi unyana kaHelon;

10. koonyana bakaYosefu: kwaEfrayim: uElishama unyana ka-Amihudi; kwaManase: uGamaliyeli unyana kaPedatsure;

11. kwaBhenjamin: uAbhidan unyana kaGidiyoni;

12. kwaDan: uAhiyezere unyana ka-Amishadayi;

13. kwa-Ashere: uPagiyeli unyana kaOkran; kwaGadi:

14. uEliyasafu unyana kaDehuweli; kwaNafetali:

15. uAhira unyana kaEnan.

16. Ngabo abo babizwe libandla, abazizikhulu zezizwe zooyise, abaziintloko zamawaka akwaSirayeli bona.

17. OoMoses noAron bawathabatha loo madoda ahleliweyo ngamagama.

Inumeri 1