3. Ukuba umntu uthe wazala ikhulu labantwana, wadla ubomi iminyaka emininzi, yamininzi imihla yeminyaka yakhe, umphefumlo wakhe àwahlutha zizinto ezilungileyo, kananjalo akaba nangcwaba: ndithi mna, imvambilini ilungile kunaye.
4. Ngokuba ifike ingamampunge, imka kumnyama, igama layo ligutyungelwe bubumnyama;
5. kananjalo ayilibonanga ilanga, ayilazanga; le yona ilungile kunomntu lowo.
6. Nokuba ebeya kudla ubomi iwaka leminyaka kude kube kabini, angàkuboni okulungileyo, ayiyi ndaweni-nye na yonke loo nto?
7. Yonke imigudu yomntu uyenzela umlomo wakhe; ukanti umphefumlo awuzali.
8. Ngokuba isilumko sisigqitha ngantoni na isidenge? Usigqitha ngantoni na olusizana, okwaziyo ukuhamba phambi kwabaphilileyo?