13. Kukho ububi obusisifo, endibubonileyo phantsi kwelanga; ukuthi ubutyebi obugcinelwe umninibo, bube nobubi kuye;
14. obo butyebi butshabalala ngento embi; uzala unyana, engenayo nento esandleni sakhe.
15. Njengokuba waphuma esizalweni sonina ezé, uya kubuya emke njengoko weza enjalo, angàthabathi nento ngemigudu yakhe, angáyiphathayo ngesandla sakhe.
16. Kwanale nto bububi obusisifo, ukuba eya kumka kanye kwanjengoko weza ngako: unalungelo lini na ke owaphukela umoya?
17. Kananjalo iimini zakhe zonke uzidlela emnyameni, enengqumbo enkulu, nesifo, noburhalarhume.