Intshumayeli 1:11-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Akukho kukhumbula abokuqala; nabasemva abaya kubakho, abayi kukhunjulwa ngabaya kuza emva kwabo.

12. Mna, Ntshumayeli, ndibe ndingukumkani kwaSirayeli eYerusalem.

13. Intliziyo yam ndayinikela ukuba ingxoke, isingasinge ngobulumko, yonke into eyenzekayo phantsi kwezulu; ngumzamo ombi uThixo awuniké oonyana babantu, ukuba bawuzame.

14. Ndazikhangela zonke izenzo ezenzékayo phantsi kwelanga; yabona, zonke zingamampunge nokusukelana nomoya.

15. Into egoso ayinakolulwa; into engekhoyo ayinakubalwa.

Intshumayeli 1