Imizekeliso 28:17-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Umntu onovalo ngegazi lomphefumloUsabela nasemhadini; makangabanjezelwa.

18. Ohamba ngengqibelelo uya kusindiswa,Ke umjibilizi ondlela mbini weyela okukanye.

19. Owusebenzayo umhlaba wakhe uya kuhlĂștha sisonka;Osukela izinto ezingento uya kuhlĂștha bubuhlwempu.

20. Indoda enyanisekileyo ineentsikelelo ezininzi;Ke yena ongxamayo ukuba sisityebi, akabi msulwa.

Imizekeliso 28