Imizekeliso 28:16-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Hayi, ingànga iswele ukuqonda, enokucudisa okuninzi!Othiye inzuzo embi wolula imihla yakhe.

17. Umntu onovalo ngegazi lomphefumloUsabela nasemhadini; makangabanjezelwa.

18. Ohamba ngengqibelelo uya kusindiswa,Ke umjibilizi ondlela mbini weyela okukanye.

19. Owusebenzayo umhlaba wakhe uya kuhlútha sisonka;Osukela izinto ezingento uya kuhlútha bubuhlwempu.

20. Indoda enyanisekileyo ineentsikelelo ezininzi;Ke yena ongxamayo ukuba sisityebi, akabi msulwa.

21. Ukukhetha ubuso akulungile;Ngenxa yeqhekeza lesonka umntu angáde aphosise.

22. Indoda eliso libi ikhawulezela ukutyeba;Ayazi ukuba ukuswela kuya kuyifikela.

23. Omohlwayayo umntu wothi kamva afumane ubabalo,Ngaphezu kocengacengayo ngolwimi.

24. Ophanga uyise nonina, athi, Asilukreqo,Ulidlelane lendoda engumonakalisi.

Imizekeliso 28