8. Umbingelelo wabangendawo lisikizi kuYehova;Umthandazo wabathe tye ngowona akholwa nguwo.
9. Ilisikizi kuYehova indlela yongendawo;Ke ophuthuma ubulungisa uyathandwa nguye.
10. Uqeqesho olubi lolowushiyayo umendo;Othiya isohlwayo uya kufa.
11. Elabafileyo nenzonzobila ziphambi koYehova;Zibeké phi na ke iintliziyo zoonyana babantu!