Imizekeliso 12:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Owusebenzayo umhlaba wakhe uhlútha kukudla;Osukelana nento engento uswele intliziyo.

12. Ongendawo ukhanuka okuzingelwa ngabanobubi;Ingcambu yamalungisa iyanika.

13. Ekuphosiseni komlomo kukho isirhintyelo esinobubi;Ke lona ilungisa liyaphuma embandezelweni.

14. Ngesiqhamo somlomo wayo indoda iyahlútha kokulungileyo,Nempatho yezandla zomntu ibuyela kuye.

15. Indlela yesimathane ithe tye kwawaso amehlo;Ophulaphula ukucetyiswa usisilumko.

16. Isimathane sikwazisa kwangaloo mini ukuqumba kwaso;Ke yena onobuqili uyakugubungela ukucukucezwa.

17. Ophefumla inyaniso uxela ubulungisa;Ingqina elixokayo lixela inkohliso.

18. Kukho ophololoza njengokuhlaba kwekrele;Ke lona ulwimi lwezilumko luyaphilisa.

Imizekeliso 12