9. Ohamba ngengqibelelo uhamba ngenkoloseko;Ke yena ojibilizayo ngeendlela zakhe uyaziwa.
10. Otyanda ngoshiyi ubanga imbulaleko;Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi.
11. Lithende lobomi umlomo welungisa;Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.
12. Intiyo ixhokonxa ingxabano;Uthando lugubungela zonke izono.
13. Ubulumko bufumaneka emlonyeni wonengqondo;Intonga yeyomhlana woswele intliziyo.
14. Izilumko ziya kuqhusheka ukwazi,Ke wona umlomo wesimathane yintshabalalo ekwalapha ukusondela.