Imizekeliso 10:9-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ohamba ngengqibelelo uhamba ngenkoloseko;Ke yena ojibilizayo ngeendlela zakhe uyaziwa.

10. Otyanda ngoshiyi ubanga imbulaleko;Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi.

11. Lithende lobomi umlomo welungisa;Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.

12. Intiyo ixhokonxa ingxabano;Uthando lugubungela zonke izono.

13. Ubulumko bufumaneka emlonyeni wonengqondo;Intonga yeyomhlana woswele intliziyo.

14. Izilumko ziya kuqhusheka ukwazi,Ke wona umlomo wesimathane yintshabalalo ekwalapha ukusondela.

Imizekeliso 10