24. Ngokokuba ndinibizile, anavuma,Ndolulé isandla sam, akwabakho ukhathalayo;
25. Nesuka naliyeka necebo lam lonke,Anavuma ndakunohlwaya.
26. Nam ke ndonihleka ekusindekeni kwenu;Ndogculela ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu;
27. Ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu njengesithonga,Ekuzeni kokusindeka kwenu njengesaqhwithi,Ekufikelweni kwenu yimbandezelo nenkcutheko.
28. Baya kwandula bandibize, ndingaphenduli,Bandifune kwakusasa, bangàndifumani;