10. Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda,Uze ungavumi ke.
11. Ukuba bathe, Hamba nathi,Masilalele igazi,Masibalalele abamsulwa bengenatyala;
12. Masibaginye njengelabafileyo behleli,Begqibelele, njengabehla baye emhadini;
13. Sofumana ubuncwane obunqabileyo,Sozizalisa izindlu zethu ngamaxhoba;
14. Wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho,Yoba nye ingxowa yethu sonke:
15. Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo;Lunqande unyawo lwakho emendweni wabo.