Ilevitikus 27:16-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ukuba umntu uthe wangcwalisa kuYehova inxalenye yentsimi yelifa lakhe, ukulinganisela kwakho makube ngokwembewu yayo, ihomere* yembewu yerhasi ngeeshekele* zesilivere ezimashumi mahlanu.

17. Ukuba Ășthe wayingcwalisa intsimi yakhe, ethabathe emnyakeni wentlokoma,* mayiqiniseke ngokulinganisela kwakho.

18. Ukuba Ășthe wayingcwalisa intsimi yakhe emva kowentlokoma, umbingeleli makambalele imali ngokweminyaka esaseleyo, kuse emnyakeni wentlokoma, iphungulwe kweyokulinganisela kwakho.

19. Ukuba lowo wayingcwalisayo uthe wayikhulula okunene ngentlawulelo intsimi, makongeze isahlulo sesihlanu semali yokulinganisela kwakho kuko oko, iqiniseke kuye.

Ilevitikus 27