6. Wòwuqhekeza ube ngamaqhekeza, ugalele ioli phezu kwawo: ngumnikelo wokudla ke lowo.
7. Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okuphekiweyo ngembiza, mawenziwe ngomgubo ocoliweyo, oneoli.
8. Uze uwuzise umnikelo wokudla owenziweyo ngezo nto kuYehova, uwusondeze kumbingeleli, awuse esibingelelweni;
9. asuse umbingeleli emnikelweni wokudla isikhumbuzo sawo, aqhumisele ngaso esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.
10. Okuseleyo komnikelo wokudla koba kokuka-Aron noonyana bakhe; iyingcwele kangcwele yasekudleni kwasemlilweni kukaYehova.
11. Yonke iminikelo yokudla eniya kuyisondeza kuYehova, mayingènziwa ngagwele; kuba igwele lonke, nobusi bonke, aniyi kuqhumisela ngezo nto zibe kukudla kwasemlilweni kukaYehova.
12. Ningázisondeza kuYehova zibe ngumsondezo wokuqala; mazinganyuswa esibingelelweni, ukuba zibe livumba elithozamisayo.
13. Yonke imisondezo eyiminikelo yakho yokudla wòyigalela ityuwa; uze umgavumi ukuba isweleke ityuwa yomnqophiso woThixo wakho eminikelweni yakho yokudla. Imisondezo yakho yonke woyisondeza inetyuwa.