3. Boba bobu ubunqambi bayo ekubhobhozeni kwayo; nokuba inyama yayo iyachiza ukubhobhoza kwayo, nokuba inyama iyakuvingca ukubhobhoza kwayo, bubunqambi bayo obo.
4. Sonke isilili alala kuso lowo ubhobhozayo soba yinqambi, nempahla yonke ahlala kuyo yoba yinqambi.
5. Indoda esukuba isichukumisa isilili salowo, yozihlamba iingubo zayo, ihlambe emanzini, ibe yinqambi, ihlwise.
6. Lowo uhlala phezu kwempahla abehleli kuyo obhobhozayo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.