6. Umbingeleli wophinda amkhangele ngomhla wesixhenxe; O! isibetho sibunile, asiqhenqethi isibetho elùswini; umbingeleli wothi uhlambulukile: kukujaduka oko. Wozihlamba iingubo zakhe; aze ahlambuluke ke.
7. Ukuba ukujaduka kuthe kwaqhenqetha kakhulu elùswini, emva kokubonakala kwakhe kumbingeleli ngenxa yokuhlanjululwa kwakhe, wophinda abonakale kumbingeleli; umbingeleli akhangele,
8. O! ukujaduka kuqhenqethile elùswini; umbingeleli wothi uyinqambi: liqhenqa ke elo.
9. Isibetho seqhenqa, xa sithe sabakho emntwini, woziswa kumbingeleli;
10. akhangele umbingeleli, O! ukufukuka kumhlophe elùswini, kulwenze unwele lwaba mhlophe, kukho inyama ekrwada, ehleliyo ekufukukeni apho:
11. liqhenqa elidala eli elùswini lwenyama yakhe; umbingeleli wothi uyinqambi; angamvaleli, ngokuba uyinqambi.