Iindumiso 92:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Azizikhulu izenzo zakho, Yehova!Zinzulu kakhulu iingcinga zakho.

6. Isityhakala asinakwazi;Isinyabi asikuqondi oko.

7. Ekudubuleni kongendawo njengomfuno,Ekutyatyambeni kwabasebenzi bonke bobutshinga,Kukuze batshabalale ngonaphakade.

8. Ke wena, Yehova, ungophezulu ngonaphakade.

9. Ngokuba ùyabona, iintshaba zakho, Yehova,Ngokuba ùyabona, iintshaba zakho ziya kutshabalala;Baya kuchithwa-chithwa bonke abasebenzi bobutshinga.

10. Ùyaluphakamisa uphondo lwam njengolwenqu;Ndigalélwe ioli entsha.

Iindumiso 92