9. Nguwena mlawuli wekratshi lolwandle;Ekuphakameni kwamaza alo uyawadambisa.
10. Nguwena mtyumzi kaRahabhi njengongxwelerhiweyo,Wazithi saa iintshaba zakho ngengalo yakho eqinileyo.
11. Lelakho izulu, likwalelakho ihlabathi;Elimiweyo nenzaliseko yalo lasekwa nguwe.
12. Umntla nomzantsi wadalwa nguwe;ITabhore neHermon zimemelela ngegama lakho.
13. Yeyakho ingalo enobugorha;SÃthe nkqi isandla sakho, siphakamile esokunene sakho.