Iindumiso 89:35-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Ndibufungé kwakanye ubungcwele bam, ndathi,Inene, andiyi kumxokisa uDavide;

36. Imbewu yakhe iya kubakho ngonaphakade,Netrone yakhe njengelanga phambi kwam.

37. Iya kuqiniseka njengenyanga ngonaphakade;Ingqina lasesibhakabhakeni lithembekile. (Phakamisani.)

38. Kwawena ùmhlambile, umcekisile,Ùmphuphumele ngomsindo umthanjiswa wakho;

39. Ùthe nèthe ngumnqophiso womkhonzi wakho;Ùsidyobhile emhlabeni isithsaba sakhe.

40. Ùzityhobozile zonke iintango zakhe,Ùzenze inxuwa iinqaba zakhe.

41. Bayamphanga bonke abadlula ngendlela,Waba yingcikivo kubamelwane bakhe.

42. Ùsiphakamisile isandla sokunene sabambandezelayo,Ùzivuyisile zonke iintshaba zakhe.

Iindumiso 89