Iindumiso 89:15-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Hayi, uyolo lwabantu abakwaziyo ukuduma!Baya kuhamba ekukhanyeni kobuso bakho, Yehova.

16. Baya kugcoba egameni lakho imini yonke,Baphakame ngobulungisa bakho.

17. Ngokuba isihombo samandla abo nguwe;Ekuthandeni kwakho, uphondo lwethu luphakamile.

18. Ngokuba ikuYehova ingweletshetshe yethu,UkoyiNgcwele kaSirayeli ukumkani wethu.

19. Wakha wathetha ngombono kowenceba wakho, wathi,Ndibeké uncedo egorheni,Ndiphakamisé indodana ebantwini.

Iindumiso 89