Iindumiso 81:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Memelelani kuThixo, igwiba lethu,Dumani kuThixo kaYakobi.

2. Hlabani ingoma, nibethe ingqongqo,Uhadi olumnandi, kunye nomrhubhe.

3. Vuthelani isigodlo ukuthwasa kwenyanga,Nokuhlangana kwenyanga, ngemini yomthendeleko wethu.

4. Ngokuba ngummiselo lowo kuSirayeli,Lisiko likaThixo kaYakobi.

Iindumiso 81