22. Ngokuba bengakholwanga kuThixo,Bengakholosanga ngosindiso lwakhe.
23. Waziwisela ke umthetho iingqimba zamafu ngaphezulu,Wazivula iingcango zezulu;
24. Wabanisela ngemana* ukuze badle,Wabanika ingqolowa yasezulwini.
25. Umntu wadla isonka sOnamandla;Wabathumela umphako bada badikwa.
26. Wandulula umoya wasempumalanga ezulwini,Wawuqhuba ngamandla akhe umoya wasezantsi;
27. Wabanisela inyama njengothuli,Neentaka ezinamaphiko njengentlabathi yolwandle;
28. Yawa phakathi kweminquba yabo,Ngeenxa zonke emakhayeni abo.
29. Badla, bahlutha kakhulu,Wabazisela ke inkanuko yabo.
30. Bengekashenxi enkanukweni yabo,Kusekho ukudla kwabo emlonyeni wabo: