15. Yintaba kaThixo intaba yaseBhashan,Yintaba encopho zininzi intaba yaseBhashan.
16. Niyigxeleshelani na, zintaba zincopho zininzi,Intaba ayinqweneleyo uThixo ukuba ahlale kuyo?Ewe, uYehova uya kuhlala kuyo ngonaphakade.
17. Iinqwelo zokulwa zikaThixo zizigidi, ngamawaka-waka;INkosi ikuzo; yiSinayi ebungcweleni,
18. Ùnyuké waya phezulu, ùthimbe abathinjwa,Ùthabathe izipho phakathi kwabantu,Naphakathi kwabaziinjubaqa, ukuba ahlale uYehova uThixo khona.
19. Mayibongwe iNkosi;Ithwala imithwalo yethu imihla ngemihla;NguThixo umsindisi wethu. (Phakamisani.)
20. Yena uThixo kuthi nguThixo wosindiso,Kokuka Yehova, iNkosi yethu, ukukhupha ekufeni.
21. Kodwa uThixo uya kuyiphalusa intloko yeentshaba zakhe, Nentloko enesihlwitha yohambayo kwizigqitho zakhe.