7. Ulodambisa ukugquma kweelwandle, ukugquma kwamaza azo,Nokuxokozela kwezizwe.
8. Bayayoyika imiqondiso yakho abemi beziphelo zehlabathi.Ùmemelelisa ukuvela kokusa nokuhlwa.
9. Ùwuvelele umhlaba, wawunyéla,Wawutyebisa kakhulu.Umjelo kaThixo uzele ngamanzi:Walungisa ingqolowa yabo, ngokuba uwenjenje ukuwulungisa.