13. Nguwe, mntu ubungumlingane wam,Ikholwane lam endazana nalo,
14. Ebesicweya kamnandi,Siye endlwini kaThixo silihlokondiba eligcobayo.
15. Ukufa makubaqubule,Mabehle baye kwelabafileyo besaphilile;Ngokuba ububi busemizini yabo phakathi kwabo.
16. Mna ndinqula uThixo;UYehova uya kundisindisa.
17. Ngokuhlwa, nakusasa, nasemini enkulu ndiya kucamngca, ndincwine;Úya kuliva izwi lam.
18. Úwukhulula umphefumlo wam unoxolo, ukuze bangasondeli kum,Ngokuba baninzi abandichasayo.