Iindumiso 44:4-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Wena unguKumkani wam, Thixo;Yitsho lubekho usindiso kuYakobi.

5. Ngawe sobangqula abasibandezelayo;Egameni lakho sobagqusha abasukela phezulu kuthi.

6. Ngokuba àndikholose ngasaphetha sam;Andisindiswa ngakrele lam.

7. Hayi! Nguwe osisindisayo kwabasibandezelayo,Ubadànise abasithiyileyo.

8. NgoThixo sidumisa imihla yonke,Sibulele kwigama lakho ngonaphakade. (Phakamisani.)

9. Noko ke ùsihlambile, ùsihlazile,Akwaphuma nemikhosi yethu.

10. Ùsibuyisé umva phambi kombandezeli;Abasithiyileyo basiphangile okwabo.

11. Wasinikela njengeegusha ezidliwayo;Wasichitha-chitha ezintlangeni;

12. Wathengisa ngabantu bakho, akwazuza,Akwalinyusa ixabiso labo.

Iindumiso 44